Matthew 8:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati akufika ecaleni elingapesheya, ezweni lama‐Giregashe, kwamkaulela abangenelwa zidemoni ababini bepuma emancw̔abeni, benobuṙalaṙume kunene, kwada akwabiko mntu ongadlulayo ngaleyo indlela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wafika kummandla waseGadara ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, wadibana namadoda amabini awayevela emangcwabeni. Ayeneendimoni, ekhohlakele kangangokuba kwakungekho mntu wayenokuhamba ngaloo ndlela.