Matthew 8:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nam ndingumntu pantsi kwegunya labanye, ndinamasodati pantsi kwam; nditi ke kwelinye: Yiya! liye ke; nakwelinye: Yiza! lize ke; nakwisicaka sam: Yenza oku! senze ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; ndithi kweliya, Yiza, lize; nakumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, kwaye ndikwanamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya ndithi: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam ndithi: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”