Matthew 9:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wangena enqanaweni, wawela, weza kwesake isixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Engenile ke emkhombeni, wawela, Weza kufika emzini wakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kowabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wakhwela esikhitshaneni, wawela uLwandle lwaseGalili, waya edolophini yakowabo.