Matthew 9:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo akutiwa iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, ziyagqoboka intsuba, ize ipalale iveyine, zitshabalale nentsuba: koko kutiwa iveyine entsha ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala;kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka zonakale iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha, ize ke igcinakale iwayini, zingonakali iimvaba.”