Matthew 9:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Esateta ezizinto kubo, bona ke, kwafika umpati otile wambedesha, esiti: Intombi yam isand’ ukufa ngoku; kodwa yiza ubeke isandla sako pezu kwayo, yaiya kupila.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubon ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhe ngoku;yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Esathetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhe ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi esazithetha kubo uYesu ezi zinto, kwafika igosa *lendlu yesikhungo, laqubuda kuye, lathi: “Intombi yam isand' ukubhubha. Yiza, uyibeke isandla; iya kuphila.”