Matthew 9:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, bazisa kuye umntu onesifo sokushwabanisa elele eluku̔kweni: waza u‐Yesu wabona ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Yomelela, nyanandini! uxolelwe izono zako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni.UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. uYesu, elubona ukholo lwabo, wathi konedumbe; Nyana, yomelela; zixolelwe izono zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaza kwafika abantu bezise kuye ngokhuko indoda efe umzimba. UYesu elubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Yomelela, nyana! Izono zakho zixolelwe.”