Matthew 9:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wajika ke u‐Yesu, wambona, wati: Yomelela, ntombi! ukolo lwako lukupilisile. Waza wapiliswa umfazi lowo kwa ngeloxeshana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukusindisile. Yasindiswa loo ntokazi kwangelo lixa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela; ukholo lwakho lukusindisile. Yaphiliswa umfazi kwangelo lixa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wajika, wambona, wathi: “Yomelela, ntombi! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Waphiliswa kwangoko loo mfazi.