Matthew 9:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Avulwa ke amehlo azo. Waza u‐Yesu waziyala kakulu, esiti: Lumkani kungaziwa mntu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aqabuka amehlo abo; Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kakhulu, esithi: “Lumkani kungàziwa mntu oku.”