Micah 1:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako, ndozisa umfuyi kuwe, wena mhlalikazi wase‐Maresha! woza e‐Hadulame, ubungcwalisa bakwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndisaya kuyizisa indlalifa kuni, bemi baseMaresha; baya kufika eAdulam abazukileyo bakwaSirayeli. Chebani, niziguye iintloko, ngenxa yoonyana beziyolo zenu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kukuzisela indlalifa, mnini kaMaresa; uya kufika eAdulam, eluzuko lukaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina, bemi baseMaresha, ndiya kunizisela oya kunidla ilifa. Yena lowo usisidima sikaSirayeli uza kufika eAdulam.