Micah 1:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intaba zonyibilika pantsi kwake, nemihlambo iya kucandeka, njengomtwebeba pambi kwomlilo, njengamanzi akukuliswayo ngetambeka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kunyibilika iintaba phantsi kwakhe, zicandeke izihlambo, njengomthwebeba phambi komlilo, njengamanzi ephalazwe exandekeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iintaba ziya kunyibilika phantsi kwakhe, neentlambo ziya kucandeka, njengomthwebeba weenyosi phambi komlilo nanjengamanzi athululelwa eweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kunyathela iintaba zitsho zinyibilike, zibe ngathi ngumthwebeba emlilweni. Uya kunyathela iintili zitsho zimke, kube ngathi kuhl' iimpuphuma zamanzi ethambekeni –