Micah 2:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiya kukuhlanganisa upela ngenyaniso, Yakobi! ndiya kusibuta ngenyaniso isisalela so‐Sirayeli; ndobabeka ndawonye njengezimvu zase‐Botsera, njengomhlambi pakati kwedlelo lawo; baya kwenza impitimpiti ngenxa yobuninzi babantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kukuhlanganisa okunene, Yakobi, uphela; okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo; baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kukuhlanganisa okunene, Yakobi, uphela; okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubabutha njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi; ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli. Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni. Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.