Micah 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiyaqingela esisizalwane ububi, eningayi kushenxisa intamo zenu kubo; kanjako aniyi kuhamba ngokuzidla; ngokuba loba lixesha elibi elo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, wathi uYehova, Yabonani, ndicinga ububi ngesi sizukulwana, ongayi kuzisusa iintamo zenu kuso; ningahambi ngokuzidla, ngokuba eli xesha libi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Ndiniqulunqela isithwakumbe, bantundini; aningekhe nibe nako ukusinda kuso. Soze nibe sahamba ngebhongo, kuba koba kugos' okwaphukayo.