Micah 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wena obizwayo ngendlu ka‐Yakobi! umoya kayehova ufinyele na? zizenzo zake ezi na? amazwi am akamncedi na lowo ulungisayo ukuhamba kwake?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena kuthiwa uyindlu kaYakobi, uyazekaneka na uMoya kaYehova? kukwenza kwakhe na oku? Akalungisi na amazwi am kohamba ngokuthe tye?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena kuthiwa uyindlu kaYakobi, uyashukunyiswa na uMoya kaYehova? yinto ayenzayo leyo? Akalungisi na amazwi am kohamba ngobulungisa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe: “Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile? Uthi angazenza izinto ezinjalo?” “Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?