Micah 2:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kudala bavukile abantu bam njengotshaba; niyabahluba umnweba kunye nengubo abo badlulayo ngokunqaba, bebuya ekulweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izolo eli abantu bam basuke ngokotshaba; nibahluba ingubo ende yokwaleka kwengaphantsi, abadlula bekholosile, bengathandi kulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha abantu bam baqhubeka bekhula njengeentshaba: Nibahluba ingubo yokwaleka abo badlula ngoxolo njengabantu abaphambukayo emfazweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba. Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni, nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.