Micah 3:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko baya kubiza kuyehova, kodwa akayi kubapendula; uya kufihla ubuso bake kubo ngexesha elo, njengokuba bezikohlakalisile izenzo zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kwandula bakhale kuYehova, angabaphenduli: asuke abusithelise ubuso bakhe kubo ngelo xesha, njengoko bazenze zambi iintlondi zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kwandula babize kuYehova, angabaphulaphuli; Ngelo xesha uya kubusithelisa ubuso bakhe kubo, ngokuba benze ububi ngeentlondi zabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli. Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.