Micah 3:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho ukuti uyehova ngabo abaprofite abalahlekisa abantu bam, abaluma ngamazinyo abo, bashumayele uxolo; kodwa lowo ongafakeli emilonyeni yabo, bayalungisa imfazwe ngakuye:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisayo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo: bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisayo abantu bam, abatshixiza amazinyo, abadandulukayo, besithi, Luxolo; ke yena ongangeni emlonyeni wabo, bamlungiselele imfazwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu, abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya, ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe, utsho uNdikhoyo ukuthi: