Micah 3:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko noba ninobusuku, singabiko isiboniso; noba ninobumnyama, kungabiko ukulaula; ewe, ilanga liya kubatshonela abaprofite, nemini yoba mnyama pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke niya kuba nobusuku, ukuze ningabi nabo; kuya kuba mnyama kuwe, ukuze ungaboni; liya kutshona ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono; kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto. Abashumayeli botshonelwa lilanga, nemini isuke ixubayele.