Micah 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kwandula ababoni ukudana, nabalauli ukumata; bona bonke bogubungela imbovu yabo, ngokuba ingeko impendulo kutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziya kudana iimboni, zibe neentloni amatola; ewe, bonke baya kuzifihla izipaji zabo; ngokuba akukho mpendulo kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iimboni ke zona ziya kuhlazeka, oosiyazi baphoxeke. Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso, kuba bengaphendulwa nguThixo.”