Micah 4:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti emihleni yokupela, intaba yendlu kayehova yoqiniselwa engcopo yentaba, ipakanyiselwe pezu kwenduli, ziti izizwe zele kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova iya kuzinza encotsheni yazo iintaba, yona iziphakamele iinduli, zibe ngumsinga izizwe ukuya kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova iya kuma ezintabeni, izivelele iinduli; kwaye abantu baya kuthontelana ukuya kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngemihla yokugqibela intaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyo iya kuba yeyona ibalaseleyo, izikrobele zonke iinduli; nabantu baya kugxalathelana ukuya kuyo.