Micah 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiba nobuhlungu, ukupe, ntombi yase‐Ziyone! njengomfazi oza kuzala: ngokuba kaloku uya kupuma esixekweni, uya kuma ezindleni, woya kwa se‐Babilone; kona apo uya kuhlangulwa, kona apo uyehova wokukulula esandleni sentshaba zako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zibhijabhije, ubhanyalaze njengozalayo, ntombi inguZiyon;ngokuba ngoku uya kuphuma phakathi komzi, uhlale endle, ude uye eBhabheli; uya kuhlangulwa khona; uya kukukhulula khona uYehova esandleni seentshaba zakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zibhijabhije, zala, ntombi inguZiyon, njengozalayo; kuba ngoku uya kusishiya isixeko, uhlale emaphandleni, uye eBhabhiloni; niya kusindiswa khona; uya kukuhlangula uYehova esandleni seentshaba zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Pinyalaza uncwine, ntombindini eyiZiyon, ube ngathi ngumfazi mhla ngenimba, kuba uyaphuma ngoku kwesi sixeko. Uza kuhlala empenge-mpengeni. Uza kuya kwelaseBhabheli apho uya kuhlangulwa khona. Uya kukhululwa nguNdikhoyo khona, akukhuphe esandleni seentshaba zakho.