Micah 4:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa zona azazi amaqinga kayehova, aziliqondi necebo lake; ngokuba eya kuzibuta njengezitungu esibayeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke zona ezi azizazi iingcinga zikaYehova, aziliqondi icebo lakhe; kuba uzibuthile njengezithungu zesanda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa zona ezi azizazi iingcamango zikaYehova, yaye aziliqondi icebo lakhe, kuba uya kuzihlanganisa njengemfumba emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke bona abazazi iingcinga zikaNdikhoyo, necebo lakhe abaliqondi. Yena ubaqokelela njengezithungu ingqolowa xa isiya kubhulwa.