Micah 4:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, zohamba intlanga ezininzi, ziti: Yizani, masinyuke siye entabeni kayehova, nasendlwini yotixo ka‐Yakobi, ukuba asifundise indlela zake, nokuba sihambe emikweni yake; ngokuba umteto uya kupuma e‐Ziyone, nelizwi likayehova e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kubamba iintlanga ezininzi, zithi, Hambani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini yoThixo kaYakobi, ukuze asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe; kuba uya kuphuma eZiyon umyalelo, nelizwi likaYehova eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziya kuza iintlanga ezininzi, zisithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini yoThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngeendlela zakhe; kuba umyalelo uya kuvela eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, izizwe ezininzi ziya kuza zithi: “Yizani siye entabeni kaNdikhoyo, endlwini kaThixo kaYakobi. Yena wosifundisa iindlela zakhe, ukuze thina sihambe ngazo.” Kaloku umthetho wophuma eZiyon, liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.