Micah 4:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba zihamba izizwe zonke, ezinye ngezinye, ngegama lotixo wazo, sohamba tina ngegama likayehova, lotixo wetu, kude kube ngunapakade kanapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba zonke izizwe zihamba, sona eso egameni lothixo waso;thina ke sihamba egameni likaYehova uThixo wethu, ngonaphakade kanaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba zonke iintlanga ziya kuhamba ngasinye egameni lothixo waso, kwaye thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu, ngonaphakade kanaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zonke izizwe ziya kuhamba emagameni *oothixo bazo; ke thina siya kuhamba egameni likaNdikhoyo uThixo wethu nanini nanini.