Micah 4:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndandiya kubenza abaqwalelayo babe sisisalela, nabo abebefuduselwe kude, babe sisizwe esinamandla: waye uyehova eya kuba ngukumkani pezu kwabo entabeni ye‐Ziyone, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndibenze abaqhwalelayo babe ngamasalela, nabakhweleliselwa kude babe luhlanga olunamandla, uYehova abe ngukumkani kubo entabeni yeZiyon, kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abaphukileyo ndiya kubenza amasalela, nabakhulileyo ndibenze uhlanga olunamandla; yaye uYehova uya kubalawula eNtabeni yeZiyon ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iziqhwala ndozenza amasalela, iimbacu zibe sisizwe esomeleleyo, uNdikhoyo abalawule kwintaba iZiyon kusukela ngaloo mini kuse ephakadeni.