Micah 5:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, Beteleheme Eferata! umncinane ukuba pakati kwamawaka akwa‐Sirayeli; kodwa kuwe kwopumela kum ukuba ngumpati kwa‐Sirayeli, ozipumo zake zibe zikudala, emihleni yonapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena, Bhetelehem-efrata, umncinane kunokuba ubekho emawakeni akwaYuda, kuya kuphuma kuwe, eze ngenxa yam, oya kuba ngumlawuli kwaSirayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“Kodwa wena, Bhetelehem-efrata, nangona umncinane phakathi kwamawaka akwaYuda, noko ke uya kuphuma kuwe uze kum, yaye mna ndiya kuba yinkokeli kaSirayeli; abazalwayo kususela kwamandulo, kwasephakadeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata, udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda, kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli, omveli yakhe isukela kwamandulo, kwimihla yasephakadeni.”