Micah 5:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kuma ke, aluse ngamandla kayehova, ngobukulu begama likayehova, utixo wake: babeya kuhlala; ngokuba kaloku eya kuba mkulu kude kube sezincameni zomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; bahlale; ngokuba ngoku uya kuba mkhulu, ese eziphelweni zehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; kwaye ziya kuhlala, ngenxa yokuba ngoku uya kuba mkhulu kude kube sekupheleni kwehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi, enamandla *kaNdikhoyo, enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe. Ewe, bona bohlala bekhuselekile kuba kaloku ubungangalala bakhe bofikelela nakwiziphelo zehlabathi.