Micah 5:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isisalela sika‐Yakobi sobako pakati kwezizwe ezininzi, njengombete uvela kuyehova, njengemvula pezu kwemifuno, engalindeli umntu, engalibaleli onyana babantu kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kwezizwe ezininzi, njengombethe ophuma kuYehova, njengamathontsi emvula ebutyanini; engathembele mntwini, engalindele koonyana babantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kwezizwe ezininzi, njengombethe ophuma kuYehova, nanjengemvula ebutyanini, engashiyi mntu, engalindeli oonyana babantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amasalela kaYakobi oba phakathi kwezizwe ezininzi; oku kombethe ovela kuNdikhoyo, oku komvimbi engceni; kaloku wona awujongi mntu, wona awubalindi oonyana babantu.