Micah 5:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, isisalela sika‐Yakobi sobako pakati kwabaheyideni, pakati kwezizwe ezininzi, njengengonyama pakati kwezilo zehlati, njengengonyama entsha pakati kwemihlambi yezimvu, eti, nxa icandayo, inyatele pantsi ke, iqwenge nokuqwenga, kungeko osindisayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amasalela akwaYakobi oba sezintlangeni, phakathi kwezizwe ezininzi, njengengonyama phakathi kweenyamakazi zehlathi;njengengonyama entsha phakathi kwemihlambi yeegusha, yona ithi, ingacanda kuzo, isuke inyhashe, iqwenge, kungabikho mhlanguli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kweentlanga phakathi kwezizwe ezininzi njengengonyama phakathi kwezilo zehlathi, njengehobe phakathi kwemihlambi yeegusha; amaqhekeza, kwaye akukho bani unokukhulula ngentlawulelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amasalela kaYakobi oba phakathi kweentlanga – ewe, wona aya kuhlala phakathi kwezizwe ezininzi – oku kwengonyama phakathi kwamarhamncwa ehlathini, oku kwethole lengonyama phakathi kwemihlambi yeegusha – nditsho elihamba linyhasha, liqwenga-qwenga kungekho mhlanguli.