Micah 6:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kugciniwe imimiso ka‐Omri, nako konke ukwenza kwendlu ka‐Ahabi; ewe, niyahamba emaqingeni abo: ukuze ndikwenze into yokutelwa nqa, nabemi baso into yokwenzelwa amakwelo; ngako oko niya kutwala ugxekwa lwabantu bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinenze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zigciniwe imithetho kaOmri, nayo yonke imisebenzi yendlu ka-Ahabhi, nihambe ngokwecebo layo; Ndiya kunenza kube senkangala, ndikwenze intlekisa, nabemi bayo; ke ngoko, kufuneka unxibe ingubo yokwaleka yabantu bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ulandele imikhuba kaOmri, uhamba ngezenzo zendlu ka-Ahabhi. Ewe, uthene nca nezithethe zabo. Ngoko ke ndosuka ndikutshabalalise, abantu bakho bona babe yintlekisa. Uya kukuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.”