Micah 6:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bantu bam! kumbulani ke oko wakucebayo u‐Balaki ukumkani wama‐Mowabi, noko wampendulayo ngako u‐Bilame unyana ka‐Behori, noko kwehlayo e‐Shitime kude kwase‐Gilegale, ukuze nizazi izenzo ezilungileyo zikayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Owu bantu bam, khumbulani oko kwathethwa nguBhalaki ukumkani wakwaMowabhi noko kwaphendulwa nguBhileham unyana kaBhehore ukususela eShitim ukuya eGiligali; ukuze ubazi ubulungisa bukaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bantu bam, senikulibele na ukucetyiswa kukaBhalaki ukumkani waseMowabhi? Aniyikhumbuli na impendulo kaBhalam unyana kaBhehore? Zona izigigaba zaseShitim naseGiligali? Yiqiqeni imisebenzi elungileyo kaNdikhoyo.”