Micah 6:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wokoliswa uyehova ngamawaka enkunzi zegusha na? ngamawaka alishumi emilambo yeoli na? ndiya kunika owamazibulo wam na ngenxa yesigqito sam? isixakato sombilini wam na ngenxa yesono sompefumlo wam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wokholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zezimvu, ngamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndorhola owamazibulo na ngenxa yesikreqo sam, isiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono somphefumlo wam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wokholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zeegusha, nangamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndomnikela na unyana wam owamazibulo ngenxa yokreqo lwam, isiqhamo sesizalo sam na ngenxa yesono somphefumlo wam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba uNdikhoyo wokholiswa na ngamawaka-waka eenkunzi zeegusha, nangawo amawaka alishumi emilambo yamafutha omnquma? Ubugwenxa bam ndingabungxengxezela na ngezibulo lam, isono sam ngesiqhamo somzimba wam?