Micah 7:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utshabakazi lwam nalo luya kubona, lize idano lilugubungele; olwati kum: Upina uyehova, utixo wako? amehlo am olukangela; kaloku lwoba yinto yokunyatelwa njengenkunkuma yezitarate.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, luthi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? amehlo am aya kumbona; ngoku niya kunyathelwa njengodaka lweendlela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Notshaba lwam lotsho lubone; luya kwambathiswa lihlazo. Nditsho olo belufudula lusithi kum: “Ude abe phi na lo Ndikhoyo unguThixo wakho?” Ewe, amehlo am aya kukubona ukuwa kwalo, lunyhashwe ngeenyawo okodaka ezitalatweni.