Micah 7:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina ongutixo njengawe, oxolela inkohlakalo, odlula ekwoneni kwesisalela selifa lake? akabambi ingqumbo yake kude kube ngunapakade, ngokuba etanda ububele yena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, osidelayo isono samasalela elifa lakhe? Akayi kuwugcina umsindo wakhe ngonaphakade, ngokuba ethanda inceba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe? Nguwuphi oxolela ubugwenxa, angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe? Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade; kaloku uyimvuze-mvuze bububele.