Micah 7:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Onobubele ububile elizweni; onobunene pakati kwabantu akako; bonke bayalalela igazi; bayazingelana ngotambo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Udakile owenceba, akabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu olungileyo utshabalele ehlabathini, kwaye akukho malungisa phakathi kwabantu; bonke bafuna igazi; elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akasekho amadoda anyanisekileyo emhlabeni; amadoda athe ngqo suka athi shwaka. Akhoyo alalela ukuphalaza igazi; elowo uzingela umntakwabo ngomnatha.