Micah 7:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungandivuyeli, lutshaba lwam! nakuba ndiwile, ndobuya ndipakame; nakuba ndihlala ebumnyameni, uyehova ulukanyiso kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndiwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndihleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; ukuba ndithe ndawa, ndovuka; kuba, ndihleli ebumnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nina zintshaba, sanukundivuyelela. Nakuba ndiwile nje ndobuya ndivuke. Ndingade ndibe ngathi ndisebumnyameni kodwa yena *uNdikhoyo kukukhanya kwam.