Nahum 1:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova uyalele ngawe, ukuti: Akuyi kubuya kuhlwayelwe abegama lako; ndiya kunqamla endlwini yotixo bako umfanekiso oqingqiweyo nalowo utyityishiweyo; ndiya kulenza incw̔aba lako, ngokuba udelekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uYehova uwise umthetho ngawe, wokuba akusayi kuba sahlwayelwa nto inegama lakho; endlwini yothixo wakho ndowunqumla umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo; ndiya kulenza ingcwaba akho; kuba wafunyanwa ulula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yawisa umthetho iNkosi ngani, ukuba akusayi kuba sahlwayelwa nto yimbi yegama lenu; Endlwini yothixo wakho ndowutshabalalisa umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo; ngokuba enobubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo umisele umyalelo ngawe, Niniva: “Wena akuyi kuba nasizukulwana; igama lakho aliyi kuhlwayeleka. Ndoyitshabalalisa imifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo apho kuloo ndlu yothixo wakho. Sendikumbela ingcwaba, kuba uphuthile.”