Nahum 3:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, abantu bako bangabafazi pakati kwako; amasango elizwe lako ovulelwa intshaba zako kakulu; umlilo wotshisa imivalo yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, abantu bakho bangamankazana phakathi kwakho apho;avulekile amasango elizwe lakho, avulekela iintshaba zakho;umlilo utshisa imivalo yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, abantu bakho bangamankazana phakathi kwakho; amasango elizwe lakho aya kuvulelwa iintshaba zakho; umlilo uya kuzitshisa izitshixo zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawujonge imikhosi yakho! Awu, bafazi bakwabani! Amasango elizwe lakho avulwe gabalala; usesichengeni seentshaba zakho; imivalo ilenywe ngumlilo.