Nahum 3:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko mciza kwisapuko sako; inxeba lako alipoliseki; bonke abevayo indaba zako baya kwombela ngezandla pezu kwako; ngokuba engubanina lowo inkohlakalo yako ingadlulanga pezu kwake futi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuhlangani ukwaphuka kwakho; inxeba lakho lelibulalayo.Bonke abazivayo iindaba zakho babetha izandla ngawe; ngokuba ngubani na ezingadlulanga phezu kwakhe izinto zakho ezimbi ngamaxesha onke?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho kuphiliswa emivuzweni yakho; Inxeba lakho linzima; bonke abazivayo iziqhamo zakho baya kukuqhwabela izandla; Ngubani na ke, ukuba ubugwenxa bakho bungahlali buhleli phezu kwakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uduma lwakho alunakunyangeka; awenzakalanga ungxwelerhekile! Abazivayo iindaba zokuwa kwakho basuka baqhwabe izandla. Ngubani ongayingcamlanga inkohlakalo yakho engenasiphelo?