Nahum 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, bonke abakubonayo bobaleka kuwe, bati: i‐Nineve ici̔takalisiwe! ngubanina oya kuyiku̔za? ndiya kukufunela pina abatutuzeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile; ngubani na oya kuyikhuza? ndokufunela phi na abathuthuzeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakoyike, bathi, iNineve ibhuqekile; ngubani na oya kumlilela? ndingabafuna phi na abathuthuzeli bakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abakubonayo bongcachela phaya, besithi: ‘Kaloku iNiniva seyingamabhodlo. Yaz'ba ingalilelwa ngubani na? Ndingambhaqa phi onokukuthuthuzela?’ ”