Nehemiah 1:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwafika u‐Hanani, omnye kubazalwana bam, yena namadoda atile akwa‐Juda; ndaza ndababuza ngama‐Juda abesindile, lawo abesele kubatinjwa, nange‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kwafika uHanani, omnye wakubazalwana bam, enamadoda avela kwaYuda. Ndababuza iindaba zamaYuda, amasalela asindileyo ekuthinjweni, nezeYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwafika uHanani, omnye wakubazalwana bam, yena namanye amadoda akwaYuda; ndaza ndababuza ngamaYuda awayekhululekile awayesele ekuthinjweni, nangeYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kwafika uHanani omnye kumawethu, evela kwelakwaJuda namanye amadoda. Ndabancina ngemibuzo, ndifuna ukuqonda ngemeko yamaJuda abhungcileyo ekuthinjweni, nangobume beJerusalem.