Nehemiah 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
maike indlebe yako ipulapuleke, namehlo ako avuleke, ukuba uyive intandazo yesicaka sako, endiyitandazayo ebusweni bako namhla, imini nobusuku, ngenxa yosapo luka‐Sirayeli izicaka zako, ndizixela izono zosapo luka‐Sirayeli, esonileyo ngakuwe ngazo: sonile nati, mna nendlu kabawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Indlebe yakho mayikhe ibazeke, namehlo akho makhe avuleke, ukuze uwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho, endiwuthandazayo phambi kwakho ngoku, imini nobusuku, ngenxa yoonyana bakaSirayeli, abakhonzi bakho; nokuzixela kwam izono zoonyana bakaSirayeli, esone ngazo kuwe, Mna nendlu kabawo sonile;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Phulaphula ngoko ezindlebeni zakho, uwavule amehlo akho, ukuze uwuve umthandazo womkhonzi wakho, endiwuthandazayo ngoku phambi kwakho, imini nobusuku, ndiwenzela oonyana bakaSirayeli, nakubakhonzi bakho, nezono zoonyana bakaSirayeli. Sivume ukuba sonile kuwe, mna nendlu kabawo sonile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawubek' iindlebe, uvul' amehlo akho, ukuze uwuve umthandazo owenziwa sisicaka sakho phambi kwakho umhla nezolo, ngenxa yezicaka zakho amaSirayeli. Ndiyavuma, mna kunye nendlu kabawo, ndawonye namaSirayeli, sikonile.