Nehemiah 1:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa niguqukela kum, nigcine imiyalelo yam, niyenze, ukuba kwobako abagxotiweyo benu esipelweni sezulu, ndobabuta kwa lapo, ndibazise kulondawo ndiyinyulileyo ukuba ndimise igama lam kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke ukuba nithe nabuyela kum, nayigcina imithetho yam, nayenza, nokuba kuthe kwabakho kuni abagxothelwe ekupheleni kwezulu; ndobabutha nalapho, ndibazise kuloo ndawo ndiyinyulele ukulibeka kuyo igama lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ukuba uyaguqukela kum kwaye uxhase imiyalelo yam kwaye uyenze; Nokuba bathe babakho kuni abathatyathwe esiphelweni sezulu, ndobahlanganisela khona, ndibazise kuloo ndawo ndiyinyulileyo, ukuba ndilimise khona igama lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa ukuba nithe nabuyela kum, nayithobela imiyalelo yam, bothi noba sebechithakele beseziphelweni zomhlaba abantu bakowenu, ndibaqokelele khona apho, ndibabuyisele kule ndawo ndayinyulayo ukuze lihlale kuyo igama lam.’