Nehemiah 10:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesisalela sabantu, abaperisite, aba‐Levi, abalindimnyango, abaculi, aba‐Netini, nabo bonke abebezahlule kubo abantu bamazwe ngenxa yomteto katixo, abafazi babo, onyana babo, nentombi zabo, bonke abebenokwazi n okuqonda,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abanye abantu, ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nabakhonzi betempile, nabo bonke ababezahlule kwizizwe zamazwe, beza emyalelweni kaThixo; abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, bonke abasebenokwazi nokuqonda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke abanye abantu, ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nabakhonzi betempile, nabo bonke abazahlulayo ebantwini bamazwe, ngokomthetho kaThixo, nabafazi babo, noonyana babo, noonyana babo ziintombi bona; bonke abanolwazi nengqondo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa bebonke ke abantu, ababingeleli, abaLevi, abalindi-masango, iimvumi, izicaka zendlu kaThixo, nabo bonke abazahluleyo kwiintlanga ezingabamelwana, loo nto beyenza ngenxa yomthetho kaThixo, bekunye nabafazi babo nabo bonke oonyana neentombi zabo, abo sebeqabuke ingqondo,