Nehemiah 10:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
babambelela kubo abazalwana babo, imiduna yabo, bangena esiqalekisweni, nasesifungweni, sokuba bahambe ngomteto katixo, obunikwe ngo‐Mosesi isicaka sikatixo, nokuba bayigcine bayenze yonke imiyalelo kayehova, inkosi yetu, nezigwebo zake, nezimiselo zake;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babambelela kubazalwana babo, iingangamsha zabo, bangena esiqalekisweni nasesifungweni sokuhamba ngomyalelo kaThixo, owawiswa ngesandla sikaMoses umkhonzi kaThixo, nokuyigcina nokuyenza yonke imithetho kaYehova iNkosi yethu, namasiko akhe, nemimiselo yakhe:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banamathela kubazalwana babo nakwizikhulu zabo, bafunga ngokunjalo, ukuba baya kuwuthobela umyalelo kaThixo owawuwisayo ngoMoses umkhonzi kaThixo, bayigcine yonke imithetho yeNkosi yethu uYehova yigcineni niyenze, nemithetho yayo, nemiyalelo yayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bonke ke aba ngoku bazibandakanya namawabo azizikhulu, bazibophelela ngeshwangusha kunye nesifungo sokuthobela umthetho kaThixo awawukhupha ngesicaka sakhe uMosis, imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yeNkosi yethu *uNdikhoyo.