Nehemiah 10:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba abantu belizwe bakuzisa impahla nento zonke zokutya ngomhla wesabata kutengiswe, singatengi kubo ngesabata, nangomhla oyingcwele; nokuba siwuyeke umnyaka wesixe̔nxe, nawo onke amatyala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
sithi izizwe zeli lizwe ezizisa izinto zentengo, nengqolowa, nokuba yiyiphi, ngemini yesabatha, zithengisa, singathengi kuzo ngesabatha nangomhla ongcwele; siwuyeke ulale umnyaka wesixhenxe, nento ebolekiweyo sisandla nokuba sesikabani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba abantu belizwe elo bazisa impahla, nokuba yiyiphi na indlela yokuziphilisa, ukuba bethengise ngayo ngomhla wesabatha, asiyi kuwathenga ngesabatha nangomhla ongcwele; nokuba siwushiye umnyaka wesixhenxe, nesibophelelo salo lonke ityala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Izizwe esimelene nazo xa zishishina zisithengisela nantoni na, noba yingqolowa, *ngoMhla wokuPhumla, asisoze sithenge nto kuzo ngoMhla wokuPhumla nangaluphi na usuku olungcwele. Njalo ngonyaka wesixhenxe asiyi kuwulima umhlaba; kananjalo siya kuwatshitshisa onke amatyala.