Nehemiah 10:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saza sawenzela umnikelo wenkuni amaqashiso, abaperisite, n aba‐Levi, nabantu, ukuba kuziswe endlwini katixo wetu, ngendlu zoyise zetu, ngamaxesha amiselweyo, umnyaka ngomnyaka, kuze kutshiswe pezu kwesibingelo sikayehova, utixo wetu, njengokuba̔liweyo emtetweni:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sibawisele amaqashiso ngomsondezo weenkuni ababingeleli, nabaLevi, nabantu, ukuba ziziswe endlwini kaThixo wethu, ngokwezindlu zethu zooyise, ngamaxesha amisiweyo, iminyaka ngeminyaka, ukuba zibaswe esibingelelweni sikaYehova uThixo wethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sabawisela umthetho ababingeleli, nabaLevi, nabantu, ukuba bawuzise umsondezo weenkuni endlwini yoThixo wethu, ngokwezindlu zoobawo, ngamaxesha amisiweyo iminyaka ngeminyaka, batshiswe ngawo isibingelelo kaYehova uThixo wethu, njengoko kubhaliweyo emthethweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Thina babingeleli nabaLevi noluntu luphela, siwenzile amaqashiso okumisela indlu nganye ithuba layo kunyaka ngamnye lokuzisa umrhumo weenkuni zomlilo weqonga likaNdikhoyo uThixo wethu njengoko kubhaliwe emthethweni.