Nehemiah 10:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba isiqalo sentlama yetu, neminikelo yetu, nesiqa̔mo semiti yonke, iveyine entsha, neoli, sizizise kubaperisite, ezinkambilini zendlu katixo wetu, nezishumi zomhlaba wetu kuba‐Levi; ngokuba bona aba‐Levi benikwa izishumi, kuzo zonke izixeko zokulima kwetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
neentlahlela zemigrayo yethu, nemirhumo yethu, neziqhamo zemithi yonke, iwayini entsha, neoli, sizizise kubabingeleli emagumbini endlu kaThixo wethu; nezishumi zemihlaba yethu kubaLevi; bona abaLevi bazamkele izishumi emizini yonke esilima kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
neentlahlela zomgrayo wethu, nemirhumo yethu, neziqhamo zemithi yonke, newayini entsha, neoli, sizizise kubabingeleli emagumbini okudlela endlu kaThixo wethu; nesishumi semihlaba yethu kubaLevi, ukuze abaLevi bathabathe isishumi semizi yonke yemizi yethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaphezu koko siya kugalela koovimba bendlu kaThixo wethu, sinikezele kubabingeleli umgubo wolibo lwengqolowa, iminikelo yeenkozo, kunye neziqhamo zayo yonke imithi esinayo, kananjalo newayini entsha namafutha omnquma. Kananjalo sonikela ngesishumi semveliso yethu kubaLevi; kaloku ngabaLevi abaqokelela izishumi kuzo zonke iidolophu esisebenza kuzo.