Nehemiah 10:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba usapo luka‐Sirayeli, nosapo luka‐Levi, luya kuzisa umnikelo wenqolowa, n eveyine entsha, neoli, ezinkambilini, apo zikoyo impahla zendawo eyingcwele, nabaperisite abakonzayo, nabalindimnyango, nabaculi: nendlu katixo wetu asisayi kuyishiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umrhumo wengqolowa, newayini entsha, neoli, emagumbini apho zikhona iimpahla ezingcwele, nababingeleli abalungiselelayo, nabamasango, neemvumi; indlu kaThixo wethu singayishiyi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umsondezo wengqolowa, newayini entsha, newayini entsha, emagumbini okudlela, apho kukho iimpahla zengcwele, nezababingeleli, nabamasango kunye nezo mvumi yaye asiyi kuyishiya indlu yoThixo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli ndawonye nabaLevi bokhupha umnikelo wokutya okuziinkozo nowolibo lwewayini namafutha omnquma, bawuse koovimba apho zigcinwa khona izinto zeNdawo eNgcwele, apho bahlala khona ababingeleli abalungiselelayo, abalindi-masango, kunye neemvumi. “Soze siyilahle indlu kaThixo wethu.”