Nehemiah 11:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ZATI inkosi zabantu zahlala e‐Yerusaleme: nesisalela sabantu, bawenza amaqashiso okuba kuziswe abe mnye kwabalishumi ahlale e‐Yerusaleme, isixeko esiyingcwele, nokuba abanye abalitoba bahlale kw ezinye izixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bahlala abathetheli babantu eYerusalem; abanye abantu bawisa amaqashiso, ukuba kungeniswe abe mnye kwabalishumi, ahlale eYerusalem kuwo umzi ongcwele, nezinye izahlulo ezisithoba zihlale kweminye imizi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlala abathetheli babantu eYerusalem; Abanye abantu bawisa amaqashiso; kwahlala omnye kwabalishumi eYerusalem kuwo umzi ongcwele, nabanye abasithoba kweminye imizi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku iinkokheli zesizwe zazinza eJerusalem, baza abanye abantu benza amaqashiso ukuze kwishumi ngalinye labantu umntu omnye aphume aye kuma eJerusalem, isixeko esingcwele, baze ke abaseleyo abalithoba beme kwiidolophu zabo.