Nehemiah 11:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nabazalwana babo, abawenza umsebenzi wendlu, amakulu asibozo anamashumi mabini anesibini; no‐Hadaya, unyana ka‐Yerohame, unyana ka‐Pelaliya, unyana ka‐Ametsi, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Pashure, unyana ka‐Malekiya;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nabazalwana babo ababesenza umsebenzi wendlu, bengamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya unyana kaYeroham, unyana kaPelaleya, unyana ka-Amtsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abazalwana babo abenza imisebenzi yasendlini ibingamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya, unyana kaYeroham, unyana kaPelaliya, unyana ka-Amsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashkure, unyana kaMalekiya,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
namahlakani abo awayeqhuba umsebenzi wendlu kaThixo bengamadoda angamakhulu asibhozo anamashumi amabini anambini; uAdaya unyana kaJeroham, kaPelaliya, ka-Amzi, kaZakariya, kaPashure, kaMalekiya,